Uyobhi 28 XHO75

UYobhi ukhankanya imfihlakalo yobulumko bukaThixo

1 Kuba kukhó apho iphuma khona isilivere,Nendawo yegolide abayihluzayo.

2 Isinyithi sithatyathwa eluthulini,Banyibilikisa amatye abe lubhedu.

3 Baphelisa ubumnyama,Bebhekisa eziphelweni zonke,Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.

4 Bemba umngxuma kude kwabemiyo,Belityelwe lunyawo lwabahambi;Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.

5 Umhlaba — kuphuma ukutya kuwo;Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.

6 Indawo yesafire* ngamatye awo,Amagada egolide akuyo;

7 Yingqushu engaziwa xhalanga,Engathiwanga nzo liso lantloyiya,

8 Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo,Engahanjwanga nayingonyama.

9 Usa isandla sakhe nakwiqhwitha,Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.

10 Ugqobhoza imijelo emaweni;Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe.

11 Uvingca imilambo ingavuzi,Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni.

12 Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na?Iphi na indawo yengqondo?

13 Àkalazi umntu ixabiso labo;Àbufunyanwa ezweni labahleliyo.

14 Amanzi enzonzobila athi, Àbukum;Ulwandle luthi, Àbunam.

15 Àkurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo;Àkulinganiswa silivere ibe yintengo yabo.

16 Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire,Nesardonisi* enqabileyo, nesafire.*

17 Azinakulingana nabo igolide negilas;Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.

18 Zingasakhunjulwa iikroale* neekristale,*Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.*

19 Ayinakulingana nabo itopazi* yakwaKushi;Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.

20 Ubulumko buvela phi na ke,Yiyiphi na indawo yengqondo?

21 Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo;Busithakele nasezintakeni zasezulwini.

22 Inzonzobila nokufa kuthi,Sibuvile ukubuva ngendlebe.

23 NguThixo oyiqondayo indlela yabo,Nguye oyaziyo indawo yabo.

24 Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi,Ubona phantsi kwamazulu onke;

25 Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo,Namanzi awalinganise ngomlinganiso;

26 Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo,Nombane wendudumo indlela:

27 Waza wabubona, wabubala;Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca;

28 Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo,Nokutyeka ebubini kuyingqondo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42