Uyobhi 30 XHO75

Ubudwayi banamhla bukaYobhi

1 Kungoku bayandihleka abancinane kunam ngemihla,Abayise babo ndibe ndicekisa nokubabeka nezinja zomhlambi wam.

2 Khona abengába ngawantoni na kum amandla ezandla zabo,Abaphelelwe ngamandla?

3 Bathe ngokuswela nokulamba banqina,Abo banqabi bomqwebedu,Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;

4 Abo baqhawula imbuwa ematyholweni,Abasonka siyingcambu yonwele.

5 Bayagxothwa phakathi kwabantu;Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;

6 Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo,Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.

7 Babhomboloza phakathi kwamatyholo,Bafumbalala phantsi kwamarhawu,

8 Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama,Ababethwa bemke ezweni.

9 Kungoku ndiyingoma yabo.Ndaba kukukhuluma kwabo.

10 Ndilisikizi kubo, bakude nam;Abawanqandi amathe ebusweni bam.

11 Kuba úlucombulule uthàmbo lwam, wandicinezela,Bawuyeka umkhala phambi kwam.

12 Ngasekunene kuphakama ubuvuvana;Batyhala iinyawo zam,Bandifumbele umendo wabo wokusindeka.

13 Bayenza amagqagala indlela yam,Bancedisa ukweyela kwam,Abangenamncedi.

14 Ukuza kwabo ngathi bagqobhoza ithuba elibanzi eludongeni,Bagaleleka kum nokuthi golokongqo kwalo.

15 Kuguqukéle kum ukukhwankqisa,Kubusukela ubunene bam njengomoya;Kudlulé njengelifu ukusindiswa kwam.

16 Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam;Indibambile imihla yeentsizi.

17 Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum;Iintlungu ezindidlayo azipheli.

18 Ngobukhulu bamandla sizenzé sasisimbi isambatho sam,Sithe nca kum njengomqala wengubo yam yangaphantsi.

19 Úndijulele eludakeni,Ndafana nothuli nothuthu.

20 Ndiyazibika kuwe, ungasabeli;Ndisuka ndime, undijonge.

21 Ùzenza isijorha kum;Unditshutshisa ngamandla esandla sakho.

22 Undifukulela emoyeni, undikhwelisa kuwo,Undibhangise nokuzongoma kwawo.

23 Kuba ndiyazi ukuba uya kundibuyisela ekufeni,Endlwini yokuhlangana kwabaphilileyo bonke.

24 Kodwa ekuthini bhuma, umntu akoluli sandla na,Azibike ngenxa yoko elishweni lakhe?

25 Khona andimlilelanga yini na omini zinobubi?Úbungenalusizi na umphefumlo wam ngenxa yehlwempu?

26 Kuba ndathemba okulungileyo, kweza okubi;Ndalinda ukukhanya, kweza isithokothoko.

27 Amathumbu am abila, akayeka;Yandihlangabeza imihla yeentsizi.

28 Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa;Ndaphakama ebandleni, ndazibika.

29 Ndingumzalwana weempungutye,Nomlingane weenciniba.

30 Ulùsu lwam luyadlubhuka kum, lumnayama.Namathambo am atshile kukoma.

31 Uhadi lwam lwaba sisijwili,Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42