10 Akundithululanga na njengamasi,Wandivuthisa njengengqaka?
11 Wandambesa ngolùsu nenyama,Wandiphingela ngamathambo nemisipha.
12 Ùndenzele ubomi nenceba,Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.
13 Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho;Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:
14 Ukuba ndithe ndona, wòndibamba undilinde,Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.
15 Ukuba ndithe ndaba ngongendawo, athi ke mna!Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingàyiphakamisi intloko yam:Ndihlúthi kukucukucezwa,Nakukubona iintsizi zam.
16 Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wòndizingela njengengonyama,Úbuye wenze ngokubalulekileyo kum;