8 Izandla zakho zindiyilile, zandenzaNdonke, ngeenxa zonke; ùyandiginya noko.
9 Khawukhumbule, ukuba undenzé ngokodongwe;Ke undibuyisa undise eluthulini!
10 Akundithululanga na njengamasi,Wandivuthisa njengengqaka?
11 Wandambesa ngolùsu nenyama,Wandiphingela ngamathambo nemisipha.
12 Ùndenzele ubomi nenceba,Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.
13 Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho;Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:
14 Ukuba ndithe ndona, wòndibamba undilinde,Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.