1 Waphendula uYobhi, wathi,
2 Kambe, níni abantu;Buya kufa nani ubulumko.
3 Nam ke ndinentliziyo njengani;Andiwi nganeno kwenu.Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?
4 Ndiyintlekisa kummelwane mna,Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule;Úyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.
5 Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo;Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo.