6 Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi;Bakholosile abamqumbisayo uThixo,Abafumbatha uThixo esandleni sabo.
7 Kodwa khawubuze ezinkomeni, zókuyala;Nasezintakeni zezulu, zókuxelela;
8 Thetha nomhlaba, wókuyala;Zókubalisela neentlanzi zolwandle.
9 Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke,Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?
10 Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo,Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.
11 Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha,Nekhuhlangubo likuve ukudla?
12 Emaxhegweni kusebulumkweni,Ebudeni bemihla kusengqondweni.