1 Yabona, konke oko likubonile iliso lam,Yakúva indlebe yam, yakúqonda.
2 Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam;Andiwi nganeno kwenu.
3 Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla,Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.
4 Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki,Ningamagqirha angento nonke niphela.
5 Anaba benithe tu kanye;Nibe niya kuba nilumkile.
6 Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam,Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.
7 UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na,Nimthethelele ngenkohliso na?