15 Yabona, nokuba úthe wandibulala, ndolindela kuye;Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.
16 Kwaoko koba lusindiso kum:Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe.
17 Yivani, nikuve ukuthetha kwam,Nengxelo yam, ngeendlebe zenu.
18 Khanibone, ndilicacisile ityala lam;Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna.
19 Ngubani na ke ongabambana nam?Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo.
20 Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum,Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:
21 Isandla sakho síse kude kum,Nesothuso sakho singandidandathekisi.