17 Yivani, nikuve ukuthetha kwam,Nengxelo yam, ngeendlebe zenu.
18 Khanibone, ndilicacisile ityala lam;Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna.
19 Ngubani na ke ongabambana nam?Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo.
20 Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum,Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:
21 Isandla sakho síse kude kum,Nesothuso sakho singandidandathekisi.
22 Biza ke, ndisabele mna;Mhlawumbi ndithethe, undiphendule.
23 Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam?Ndázise isikreqo sam, nesono sam.