19 Ngubani na ke ongabambana nam?Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo.
20 Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum,Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:
21 Isandla sakho síse kude kum,Nesothuso sakho singandidandathekisi.
22 Biza ke, ndisabele mna;Mhlawumbi ndithethe, undiphendule.
23 Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam?Ndázise isikreqo sam, nesono sam.
24 Yini na ukuba ubusithelise ubuso bakho,Ubè ndilutshaba kuwe?
25 Ùya kungcangcazelisa ugxothe igqabi eliphetshethwayo na,Usukele umququ owomileyo na?