5 Anaba benithe tu kanye;Nibe niya kuba nilumkile.
6 Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam,Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.
7 UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na,Nimthethelele ngenkohliso na?
8 Niya kumnonelela na,Niphikele uThixo na?
9 Kólunga na xa athe wanigocagoca?Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?
10 Wonohlwaya inene,Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.
11 Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na,Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?