8 Niya kumnonelela na,Niphikele uThixo na?
9 Kólunga na xa athe wanigocagoca?Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?
10 Wonohlwaya inene,Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.
11 Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na,Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?
12 Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu;Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.
13 Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe,Kundihléle okundihlelayo.
14 Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am,Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?