13 Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho,Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?
14 Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe?Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?
15 Yabona, nabangcwele bakhe àkakholwa ngabo,Nezulu àliqaqambile emehlweni akhe.
16 Úbeke phi na olisikizi, oyimbozisa;Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?
17 Ndokuxelela, ndiphulaphule;Endikubonileyo ndikubalisele;
18 Okwaxelwa zizilumko,Kuvela kooyise, zaza azakufihla.
19 Lanikwa zona zodwa ilizwe,Akwangena wasemzini phakathi kwazo.