26 Wamgila, eyolule intamo,Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe;
27 Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe,Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe.
28 Wema imizi engamanxuwa,Nezindlu ezingezakuhlalwa,Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe.
29 Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe;Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni.
30 Akayi kusinda ebumnyameni;Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye;Emke ngokufutha komlomo wakhe.
31 Okhohliswayo makangathembeli kumampunge;Kuba inkohlakalo iya kuba lulwanano lwakhe.
32 Kozaliseka oko ingekabi yimini yakhe,Isebe lakhe lesundu lingabi luhlaza.