1 Waphendula uYobhi, wathi,
2 Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam,Nindityumza ngokuthetha?
3 Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile;Ànidanile, niyandikhwankqisa.
4 Khona ke ndithe okunene ndalahleka,Kuhleli nam ukulahleka kwam.
5 Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum,Nandohlwaya ngengcikivo yam:
6 Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo,Wandirhawula ngomnatha wakhe.