16 Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli;Ndimbongoze ngomlomo wam.
17 Umoya wam umkruqule umkam;Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.
18 Namakhwenkwe ayandicekisa;Ndakusuka, asuka athethe ngam.
19 Ndilisikizi kumakholwane am,Nabendibathanda bandiguqukele.
20 Amathambo am atshele elùswini lwam nasenyameni yam;Ndisindé macebetshu.
21 Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam;Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.
22 Yini na ukuba nindisukele njengoThixo,Ninganeli yinyama yam?