4 Khona ke ndithe okunene ndalahleka,Kuhleli nam ukulahleka kwam.
5 Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum,Nandohlwaya ngengcikivo yam:
6 Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo,Wandirhawula ngomnatha wakhe.
7 Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa;Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.
8 Úyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha;Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.
9 Úndihlube uzuko lwam,Wasusa isithsaba sentloko yam.
10 Úndidilizile ngeenxa zonke, ndemka;Walincothula njengomthi ithemba lam.