1 Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana* phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.
2 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
3 Wathi uYehova kuSathana, Ùmgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo,
4 noko undixhokonxele kuyo ukuba ndiyiginyele ilize? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulùsu ngenxa yolùsu; konke anako umntu wókunika ngenxa yomphefumlo wakhe.