16 Wómungunya ubuhlungu bamaphimpi,Lumbulale ulwimi lwenyushu.
17 Akayi kubona mijelo,Milambo, zihlambo zobusi namasi.
18 Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi;Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.
19 Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo;Waxhakamfula indlu, angayakhanga.
20 Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe,Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.
21 Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe;Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.
22 Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile,Izandla zonke zabangento ziyamfikela.