19 Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo;Waxhakamfula indlu, angayakhanga.
20 Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe,Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.
21 Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe;Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.
22 Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile,Izandla zonke zabangento ziyamfikela.
23 Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe,Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.
24 Ebaleka isikrweqe sesinyithi,Lomphumela utolo lwesaphetha sobhedu.
25 Lurholiwe, lwaphuma emzimbeni,Nenyembe ebengezelayo enyongweni yakhe;Uyemka, izothuso ziphezu kwakhe.