13 Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha,Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo.
14 Bathi kuThixo, Suka kuthi,Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho.
15 Úyini na uSomandla, ukuba simkhonze?Kusinceda ntoni na ukumjoka?
16 Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo;Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
17 Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa?Kubafikela ukusindeka kwabo?Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?
18 Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya,Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?
19 Nìthi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo.Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona;