16 Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo;Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
17 Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa?Kubafikela ukusindeka kwabo?Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?
18 Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya,Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?
19 Nìthi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo.Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona;
20 Makayibone inkxwaleko yabo amehlo abo,Babusêle ubushushu boSomandla.
21 Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo,Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?
22 Úya kufundiswa ukwazi uThixo na,Lowo ugweba abaphezulu?