24 Iimvaba zakhe zizele ngamasi,Nomongo wamathambo akhe utyebile.
25 Omnye ufa úkrakra umphefumlo wakhe,Engadlanga zinto zilungileyo.
26 Balala ndawonye eluthulini,Iimpethu ziyabagubungela bobabini.
27 Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu,Namayelenqe enindigonyamela ngawo.
28 Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu?Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?
29 Anibuzanga na kwabadlula ngendlela?Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?
30 Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo,Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?