25 Omnye ufa úkrakra umphefumlo wakhe,Engadlanga zinto zilungileyo.
26 Balala ndawonye eluthulini,Iimpethu ziyabagubungela bobabini.
27 Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu,Namayelenqe enindigonyamela ngawo.
28 Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu?Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?
29 Anibuzanga na kwabadlula ngendlela?Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?
30 Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo,Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?
31 Ngubani na ongaxela ebusweni bakhe indlela yakhe?Enzé into yena, ngubani na oya kuphindezela kuye?