1 Wahambisa uYobhi ukuphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,
2 Yoo! Andaba bendineenyanga ezinjengezaphambili,Njengemihla abendigcinile uThixo;
3 Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam,Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;
4 Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla,Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;
5 Oko uSomandla ebesenam,Bengeenxa zonke kum abantwana bam;