10 Ilizwi leenganga lazímela,Nolwimi lwazo lwanamathela ekhuhlangubeni lazo,
11 Kuba indlebe yeva, yathi ndinoyolo;Iliso labona, landingqinela.
12 Kuba bendisiza iintsizana ezizibikayo,Neenkedama, noswele umncedi.
13 Intsikelelo yabadakayo ibindizela,Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa.
14 Ubulungisa bendibambatha bundambathe;Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam.
15 Bendingamehlo kwimfama,Bendiziinyawo kwisiqhwala;
16 Bendinguyise kumahlwempu,Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca.