3 Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam,Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;
4 Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla,Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;
5 Oko uSomandla ebesenam,Bengeenxa zonke kum abantwana bam;
6 Oko ebehlanjwa amabanga am ngamasi,Iliwa lindithululela imijelo yeoli.
7 Xa ekuphumeni ngesango bendinyuka ukuya kuwo umzi,Ndimise isihlalo sam endaweni yembutho,
8 Ándibona amadodana, azimela,Asuka amaxhego, ema.
9 Abathetheli bakuyeka ukukhuluma,Babeka isandla emlonyeni.