11 Ibe iyini na ukuba ndingàfeli embilinini,Ndingàphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?
12 Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze?Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?
13 Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola;Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla
14 Nokumkani namaphakathi elizwe,Abo bazakheláyo amanxuwa;
15 Nabathetheli abanegolide,Abazizalisayo izindlu zabo ngesilivere.
16 Ngendiba andikho, njengemvambilini eselelweyo;Njengabantwana abangabonanga kukhanya.
17 Kuba apho, abangendawo bakuyekile ukugungqa;Khona apho bayaphumla abaphelelwe ngamandla.