18 Abakhonkxiweyo bonwabile ndaweninye;Àbasaliva izwi lomqhubi.
19 Omncinane nomkhulu — khona bayalingana;Ikhoboka likhuluekile enkosini yalo.
20 Yini na ukuba abasebubini ábanike ukukhanya,Nabamphefumlo ukrakra abanike ubomi?
21 Ábalindé ukufa, kusuke kungabikho;Ábakumbayo ngaphezu kobutyebi obuselelweyo;
22 Ábavuya bade bagcobe,Babe nemihlali, xa bathe bafumanana nengcwaba?
23 Ukuba ukukhanya akunike umfo ondlela isitheleyo,Obiyelweyo nguThixo ngeenxa zonke?
24 Kuba endaweni yesonka sam kuza ukugcuma,Kuphalazeka njengamanzi ukubhonga kwam.