5 Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa,Makulale amafu phezu kwayo;Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.
6 Obo busuku — masibubambe isithokothoko;Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka;Mabungangeni enanini leenyanga.
7 Yabona, obo busuku mabube ludlolo;Makungezi kumemelela kubo.
8 Mababuqalekise abaqalekisi bemihla,Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.*
9 Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu;Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho;Bungaziboni iinkophe zesifingo;
10 Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo,Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.
11 Ibe iyini na ukuba ndingàfeli embilinini,Ndingàphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?