19 Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha,Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;
20 Ukuba abengàndisikeleli amanqe akhe,Àkazifudumeza ngoboya beemvana zam;
21 Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama,Ngokuba bendiboné uncedo lwam esangweni:
22 Igxalaba lam maliwe esixhantini salo,Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.
23 Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.
24 Ukuba bendenze igolide inqolonci yam,Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;
25 Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,Nokufumana kakhulu kwesandla sam;