27 Yahendeka ngasese intliziyo yam,Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:
28 Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi;Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.
29 Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo,Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi
30 (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone,Ndiwùcele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);
31 Ukuba babengàtsho abantu bentente yam, ukuthi,Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?
32 Ubengalali phandle umphambukeli,Iingcango zam bendizivulela endleleni;
33 Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam,Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,