29 Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo,Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi
30 (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone,Ndiwùcele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);
31 Ukuba babengàtsho abantu bentente yam, ukuthi,Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?
32 Ubengalali phandle umphambukeli,Iingcango zam bendizivulela endleleni;
33 Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam,Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,
34 Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi,Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane,Ndathi cwaka, andaphuma emnyango —
35 Andaba bendinondiphulaphulayo!Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule;Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.