5 Ukuba ndibe ndihamba nokhohlakeleyo,Lwangxamela inkohliso unyawo lwam,
6 Makandilinganise esikalini* sobulungisa,Ákwazi uThixo ukugqibelela kwam.
7 Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni,Yalandela amehlo am intliziyo yam,Sanamathela isisihla ezandleni zam:
8 Mandihlwayele, kudle omnye,Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.
9 Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu,Ndalalela esangweni lommelwane wam,
10 Umkam makasilele omnye umntu,Kuguqe abanye phezu kwakhe.
11 Kuba loo nto bubugqwirha,Loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.