6 Makandilinganise esikalini* sobulungisa,Ákwazi uThixo ukugqibelela kwam.
7 Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni,Yalandela amehlo am intliziyo yam,Sanamathela isisihla ezandleni zam:
8 Mandihlwayele, kudle omnye,Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.
9 Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu,Ndalalela esangweni lommelwane wam,
10 Umkam makasilele omnye umntu,Kuguqe abanye phezu kwakhe.
11 Kuba loo nto bubugqwirha,Loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.
12 Inene, loo nto ngumlilo odla use enzonzobileni;Ibiya kuncothula iingcambu zongeniselo lwam lonke.