2 Ùba oku kusesikweni na,Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo;
3 Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na,Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam?
4 Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha,Nabahlobo bakho abanawe.
5 Bheka ezulwini ubone;Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.
6 Ukuba ùthi wone, usebenza ntoni na ngakuye?Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenzé ntoni na?
7 Ukuba ùthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto?Wámkela ntoni na yena esandleni sakho?
8 Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho;Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.