6 Ukuba ùthi wone, usebenza ntoni na ngakuye?Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenzé ntoni na?
7 Ukuba ùthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto?Wámkela ntoni na yena esandleni sakho?
8 Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho;Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.
9 Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu;Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.
10 Ke àbatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam,Osinika ingoma ebusuku,
11 Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi,Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu?
12 Bandula bakhale, angaphenduli,Ngenxa yekratshi labanobubi.