20 Musa ukuzonda ubusukuBokususa izizwe esikhundleni sazo.
21 Lumka, ungaguqukeli konobutshinga;Kuba ùnyulé loo nto kuneentsizi.
22 Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe;Ngubani na umyali onjengaye?
23 Ngubani na omphathise indlela yakhe;Ngubani na ongáthi, Wènzé ngobugqwetha?
24 Khumbula ukuba úwukhùlise ngendumiso umsebenzi wakhe,Awuhlabele ingoma amadoda.
25 Bonke abantu bayawubona;Umntu uwukhangela emgama.
26 Yabona, uThixo mkhulu, asimazi;Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.