23 Ngubani na omphathise indlela yakhe;Ngubani na ongáthi, Wènzé ngobugqwetha?
24 Khumbula ukuba úwukhùlise ngendumiso umsebenzi wakhe,Awuhlabele ingoma amadoda.
25 Bonke abantu bayawubona;Umntu uwukhangela emgama.
26 Yabona, uThixo mkhulu, asimazi;Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
27 Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi,Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,
28 Esiyinisayo isibhakabhaka,Ivuze phezu kwabantu abaninzi.
29 Kanene baya kuqónda na ukwanekwa kwamafu,Nokuzongoma komnquba wakhe?