24 Khumbula ukuba úwukhùlise ngendumiso umsebenzi wakhe,Awuhlabele ingoma amadoda.
25 Bonke abantu bayawubona;Umntu uwukhangela emgama.
26 Yabona, uThixo mkhulu, asimazi;Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
27 Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi,Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,
28 Esiyinisayo isibhakabhaka,Ivuze phezu kwabantu abaninzi.
29 Kanene baya kuqónda na ukwanekwa kwamafu,Nokuzongoma komnquba wakhe?
30 Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe,Azigubungele ngamazantsi olwandle.