3 Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam,Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.
4 Okwenene, àkubuxoki ukuthetha kwam;Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.
5 Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani;Unamandla ngokuqina kwengqondo.
6 Akamlondolozeli ebomini ongendawo;Iintsizana uzinika ibango lazo.
7 Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa;Úbahlalisa kunye nookumkani etroneniNgonaphakade, baphakame ke.
8 Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane,Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,
9 Úbaxelela izenzo zaboNezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.