5 Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani;Unamandla ngokuqina kwengqondo.
6 Akamlondolozeli ebomini ongendawo;Iintsizana uzinika ibango lazo.
7 Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa;Úbahlalisa kunye nookumkani etroneniNgonaphakade, baphakame ke.
8 Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane,Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,
9 Úbaxelela izenzo zaboNezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.
10 Uzityhilela intethiso iindlebe zabo;Uthi mababuye ebutshingeni.
11 Ukuba bathe beva, bamkhonza,Boyigqiba imihla yabo ekulungeni,Neminyaka yabo ebumnandini.