1 Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
2 Ngubani na lo usitha iceboNgokuthetha okungenakwazi?
3 Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho,Ndikubuze, undazise.
4 Ùbuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi?Xela, ukuba ùyazi, ùyaqonda.
5 Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi?Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?
6 Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo?Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,
7 Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa,Beduma bonke oonyana bakaThixo?