17 Ùwatyhilelwe na amasango okufa?Namasango ethunzi lokufa wawabona?
18 Ùbugqalile na ububanzi behlabathi?Xela, ukuba ùyakwazi oko konke.
19 Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya,Nobumnyama iphi na indawo yabo,
20 Ukuba ubùse emdeni wabo,Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?
21 Ùyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe okoLilikhulu nenani lemihla yakho!
22 Ùfikelele na ebuncwaneni bekhephu?Ubuncwane besichotho wabubona,
23 Endabuqwebela ixesha lembandezelo,Imini yokudibana nemfazwe?