23 Endabuqwebela ixesha lembandezelo,Imini yokudibana nemfazwe?
24 Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya?Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?
25 Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;
26 Ukuba ine ezweni elingenamntu,Entlango, apho kungekho mntu;
27 Ihluthise intshabalala yakwantshabalala,Intshulise uhlaza oluphumayo?
28 Inoyise na imvula?Ngubani na ozala amathontsi ombethe?
29 Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na?Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?