7 Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa,Beduma bonke oonyana bakaThixo?
8 Ngubani na owaluvingceláyo ulwandle ngeengcangoEkutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;
9 Ekulwambathiseni kwam ngamafu,Ekulusongeleni ngesithokothoko;
10 Ndakùlusikelela umda wam,Ndakùmisa imivalo neengcango;
11 Ndathi, Fika apha, ungegqithi;Eme apha amaza akho akratshayo?
12 Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa,Wasazisa isifingo indawo yaso;
13 Ukuba sibambe amasondo ehlabathi,Bavuthulùlwe kulo abangendawo?