14 Nam ndokudumisa,Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.
15 Khawuyibone imvubu endayenza yanawe:Idla utyani njengenkomo.
16 Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo,Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo.
17 Igoba umsila wayo njengomsedare,*Imisipha yamathangá ayo ibhijelene.
18 Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu,Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi.
19 Iyintlahlela yeendlela zikaThixo;UMenzi wayo wayinika ikrele layo.
20 Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla,Onke amarhamncwa asendle adlala khona.