14 Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula?Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.
15 Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo,Zivalwé ngetywina eliqinileyo.
16 Zisondelene enye nenye,Akungeni moya phakathi kwazo.
17 Zinamathelene enye kwenye,Zibambene, zingabi nakwahlukana.
18 Ukuthimla kwayo kukhupha imitha,Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.
19 Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo,Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.
20 Emathatheni ayo kuphuma umsi,Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.