18 Ukuthimla kwayo kukhupha imitha,Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.
19 Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo,Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.
20 Emathatheni ayo kuphuma umsi,Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.
21 Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle,Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo.
22 Entanyeni yayo kuphuma amandla,Ebusweni bayo kuxhina ukuncama.
23 Imihlubulo yenyama yayo inamathelene,Iqinile kuyo, ayishukumi.
24 Intliziyo yayo iqine njengelitye,Iqine njengelokusila langaphantsi.