2 Ùnokuyifaka intambo yomzí empumlweni yayo na,Ugqobhoze izidlele zayo ngentola?
3 Ingátarhuzisa kunene na kuwe,Ithethe amazwi athambileyo kuwe?
4 Ingénza umnqophiso na nawe,Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade?
5 Ùngádlala na nayo njengentaka,Uyikhulekele amantombazana akho?
6 Angárhweba ngayo na amahlulelana abambisayo,Ayabe phakathi kwabarhwebi?
7 Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe,Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?
8 Beka isandla sakho kuyo;Khumbula imfazwe, ungaphindi.